Genesis 31:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abesitsho ukuti: Lawo anamabala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala anamabala: nanxa abesitsho ukuti: Lawo azinala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala azinala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kuthiwa, Bambalwa abaya kuba ngumvuzo wenu; Yathi yonke imihlambi yeengubo ezirhwexayo; Ukuba uthe, Imivumbo yoba ngumvuzo wenu; ngoku yonke imihlambi inemizila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila.