Genesis 32:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndimncinane mna kuzo zonke izibele, nakuyo yonke inyaniso, ozenzele isicaka sako; ngokuba bekunomsimelelo wam ndawela i‐Yoredane le, kanti kaloku sendiyimikosi mibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andiyilingene yonke inceba, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; ngenxa enokuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam; kwaye ngoku ndingamaqela amabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.