Genesis 32:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayalela esokuqala ngokuti: Xeshekweni u‐Esau, umkuluwe wam, aya kuhlangana nawe, akubuze, esiti: Ungokabanina wena? uya ngapina? zezikabanina ezi zipambi kwako?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabawisela umthetho abathetheli, wathi, Xa uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nani, wabuza wathi, Ungokabani na? uyaphi? yekabani na le nto iphambi kwakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kwisicaka esasingaphambili, ze sithi xa ebuza uEsawu ukuba ngaba ngubani na inkosi yaso, besiya ngaphi na, wona umhlambi lo ungokabani: