Genesis 32:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kuti kanjako: Nasi isicaka sako u‐Yakobi sisemva kwetu. Ngokuba ebesiti: Ndiya kuxolisa ubuso bake ngalomnikelo ohambayo pambili kum, ndize nditi kamva, ndibone ubuso bake; kungati wobuka ubuso bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe;mhlawumbi wondibuka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandimcamagushele ngomnikelo osingwayo kuqala, ndize kamva ndibubone ubuso bakhe; mhlawumbi uya kundamkela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ewe, isicaka sakho uYakobi siyeza ngasemva.’ ” Icebo likaYakobi lalikukuba amenze athambe ngezo zipho uEsawu, aze xa efika yena Yakobi kuye axolelwe.