Genesis 32:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wesuka kwa ngobobusuku, watabata abafazi bake bobabini, namakobokakazi ake omabini, nonyana bake boshumi elinamnye, wawela izibuko le‐Yaboki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzazana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, wayiwela intili yeYabhoko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobo busuku wavuka uYakobi, wahamba nabafazi bakhe bobabini, namaqadi abo, kunye nabantwana bakhe abalishumi nanye, wawuwela umlambo iJabhoko.