Genesis 32:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yati: Asi ngo‐Yakobi eliya kubuya libizwe igama lako, koko liya kubizwa ngo‐Sirayeli: ngokuba wenzile ngobukosi ngakuye utixo nangakubo abantu, weyisa ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho.”