Genesis 32:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waziyalela ngokuti: Kunje nje niya kuteta enkosini yam, ku‐Esau: Sitsho isicaka sako u‐Yakobi ukuti: Bendipambukele ku‐Labane, ndalibala kona kwada kwakaloku;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabawisela umthetho, wathi, Thethani kuEsawu, nkosi yam; Wathi umkhonzi wakho uYakobi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndahlala khona kwada kwangoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.