Genesis 32:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza woyika u‐Yakobi kakulu, waxinezeka; waye eqingatisa abantu ababenaye, nezimvu, nenkomo, nenkamela, kube yimikosi mibini;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woyika kunene uYakobi, wawahlula amadoda lawo, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela.