Genesis 33:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yakobi wati: Makekungabi njalo! ukuba kambe ndifumene ufefe emehlweni ako, uke uwamkele umnikelo wam esandleni sam; ngokuba kukona endibonileyo ubuso bako, njengokungati ndibonile ubuso bukatixo, waza wakoliswa ndim.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYakobi, Hayi; kuba ngenxa yoko ndibubone ubuso bakho, ngathi ndiyabubona ubuso bukaThixo, ukanti uyandicekisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele.