Genesis 33:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zulitabate itamsanqa lam eliziswa kuwe, ngokuba utixo endipete ngofefe, nangokuba ndinento zonke. Wamqu̔ba ke, wada walitabata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thabatha intsikelelo yam ezisiweyo kuwe; ngokuba uThixo unenceba kum, ndonele. Wamjoka, wavuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithathe kaloku ezi zipho ndikuphathele zona. UThixo undenzele ububele, wandipha yonke into ebendiyifuna.” UYakobi wamcenga uEsawu, wada woyisakala wazithatha ezo zipho.