Genesis 33:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wati kuye: Inkosi yam iyazi ukuba abantwana batambile, nokuba imazi zegusha nezenkomo ezikulelweyo zingakum; kekaloku zakuba ziya kuqu̔tywa kakulu ibe yimini nye, wonke umhlambi uya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke kuye, iNkosi yam iyazi ukuba abantwana bathantamisa, nokuba ndinemihlambi yempahla emfutshane, neyeenkomo, neyegusha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi uthe: “Kaloku abantwana bam baselula, yaye kufuneka ndicingele neegusha kunye namatakane azo, kuba ukuba zikhe zaxheshwa usuku nje olunye, zingafa zonke.