Genesis 33:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makeiti inkosi yam idlule pambi kwesicaka sayo; nam ndiya kuhambisa kakuhle, njengokuhamba kwenkomo ezipambi kwam, nanjengokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam e‐Sehire.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inkosi yam mayiwele phambi komkhonzi wayo, yaye mna ndohamba kancinci njengomhlambi owela phambi kwam, yaye ndiya kubathwala abantwana ndide ndifike enkosini yam uSehire.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hamba ngaphambili wena, mna ndolandela, ndicothoza kunye nabantwana kunye nemihlambi, de ndikufumane e-Edom.”