Genesis 34:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandisani pezu kwam kakulu ikazi nebaso, ndandiya kunika njengokuba niya kutsho kum; niti kodwa nindinike intombi ibe ngumfazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ungaze ucele khazi kum, nesipho esinje, ndokunika njengoko uthethayo kum; kodwa ndinike intombi ibe ngumfazi wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”