Genesis 34:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lamadoda ayaxolana nati; makahlale ngoko elizweni, atenge kulo, nomhlaba (bona ke, ubanzi wona ngamacala onke) maube pambi kwawo: intombi zawo sozitabata kuti zibe ngabafazi, nentombi zetu siya kuzendisa kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba bathanda uxolo nathi; ke ngoko, mabahlale kwelo lizwe baze barhwebe khona; ngokuba ihlabathi, yabonani, bayalingana; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi bethu, siwanike iintombi zethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abaya bantu ngabahlobo bethu. Masibavumele bahlale bazive besekhaya apha kowethu. Mkhulu lo mhlaba; ungasanela sonke. Singendiselana nokwendiselana nabo.