Genesis 34:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungoku kupela aya kuvumelana nati amadoda la, ukuba kuhlalelwane nati, ukuze sibe ngabantu banye: nxa kwalukile kuti konke okubudoda, njengokuba bengabalukileyo bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngenxa yoko aya kuvumelana nathi la madoda, ukuhlala nathi, sibe luhlanga lunye, sithi, sonke ngabanye aluke, njengokuba alukile wona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo.