Genesis 34:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngeyesitatu imini, bakuba besekutyatyambeni, bandula ababini bonyana baka‐Yakobi, u‐Simone no‐Levi, abakuluwe baka‐Dina, batabata iziṙele zabo abanye ngabanye, basizuma isixeko ngobunganga, babulala bonke abangamadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba bebandezelekile, oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, behla baya kuloo mzi ngokungafihlisiyo, bawabulala onke amadoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kweentsuku ezintathu, xa kanye onke amadoda aqhanile ziintlungu, oonyana ababini bakaYakobi, abanakwabo-Dayina, uSimon noLevi, bathatha amakrele abo, bangena esixekweni, bengarhanelwa bani, bafika bawabulala onke amadoda