Genesis 34:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yakobi wati ku‐Simone naku‐Levi: Nindikatazile ngokundinukisa pakati kwabemi belizwe, pakati kwaba‐Kanane, napakati kwama‐Perizi: mna ke ndilula ngabantu nje, baya kuhlanganisana ngakum, bandibulale; ndize nditshatyalaliswe mna nendlu yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYakobi kuSimon noLevi, Nindisongela, ukuba nindonakalise phakathi kwabemi beli lizwe, phakathi kwamaKanan namaPersi; Ndimncinane ke ngenani, baya kundihlanganyela, bandibulale; yaye ndiya kutshabalala, mna nendlu yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi wathi kuSimon noLevi: “Nina nindibangela ingxwaba-ngxwaba ngale nto. Ngoku ndiza kucatshukelwa ngabantu bonke, amaKanana kunye namaPerezi. Andinamadoda maninzi mna. Ukuba bona banokudibana bandihlasele ungatshabalala wonke umzi wam.”