Genesis 34:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuviwa ngu‐Yakobi ukuba ebemnco̔lisile u‐Dina intombi yake; koko onyana bake bebenenkomo zake ezindle; ngako wati cwaka u‐Yakobi, bada bafika bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Oonyana bakhe babe besendle, besemhlambini wakhe; wathi cwaka ke uYakobi, bada bafika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.