Genesis 34:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati onyana baka‐Yakobi bavela ezindle, kwakuvakala kubo; aza adandateka amadoda lawo, aqumba kakulu, ngokuba ebenzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli ngokulala nayo intombi ka‐Yakobi, okunge kungenziwa oko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bakufika oonyana bakaYakobi ezweni, bakukuva oku, aba buhlungu amadoda lawo, aba nomsindo kakhulu, kuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi; into engafanele ukwenziwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.