Genesis 35:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bada banduluka e‐Betele: kwaye kuseko indawana yomhlaba ukuba kufikwe e‐Eferata; wandula wazala u‐Rakele, okwakunzima kuye ekuzaleni kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka eBheteli; yaye kwakusemganyana ukuba sifike e-Efrata, yaye uRakeli waba sentlungwini yokuzala, wazala kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.