Genesis 35:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, kwakuba kunzima kuye ekuzaleni kwake, umzalisikazi wati kuye: Ungoyiki, ngokuba nalonyana uya kuba naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, kwaba kuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika; nawe uya kuba naye lo nyana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.”