Genesis 35:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza banikela u‐Yakobi bonke otixo basemzini abasesandleni sabo, nawo amacici abekuzo indlebe zabo; owati u‐Yakobi waziselela ngapantsi kwawo umkoba okufupi ne‐Shekeme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ezandleni zabo, namajikazi ezindlebeni zabo; waza uYakobi wazifihla phantsi komthi wesikamore owawukwaShekem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.