Genesis 36:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngawo la amagama onyana baka‐Esau: ngu‐Elifazi, unyana ka‐Hada, umfazi ka‐Esau; ngu‐Rehule, unyana ka‐Basemate, umfazi ka‐Esau.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngawo la amagama oonyana bakaEsawu: nguEsahim; uElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu, uRehuweli, unyana kaBhashmati, umkaEsawu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki. UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.