Genesis 36:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naba bangonyana baka‐Tsibone; u‐Aya, no‐Hana: nguye u‐Hana lo owafumana imitombo eshushu entlango, nxa abesalusa amaqwaṙashe ka‐Tsibone uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo oonyana bakaTsibheyon; nguAya noAna: nguAna wafumanana noondlebende entlango, xa ebesalusa amaesile kaTsibheyon uyise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.