Genesis 36:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naba bangokumkani abapata ubukosi elizweni le‐Edome, kungekabiko ukumkani opata ubukosi pezu kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo: uBhela unyana kaBhehore waseDinabha; uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera; uHusham wakummandla wakwaTeman; uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi; uSamla waseMasereka; uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati; uBhali-hanani unyana ka-Akibho; uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.