Genesis 36:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Holibama wazala u‐Yehushe, no‐Yalame, no‐Kora. Aba bangonyana baka‐Esau, abebezelwe kuye elizweni le‐Kanane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uOholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora; Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza uHolibhama wazala uJewushe noJalam kunye noKora. Bonke aba nyana bakaEsawu bazalelwa eKanana.