Genesis 36:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Esau watabata abafazi bake, nonyana bake, nentombi zake, nabo bonke abantu bendlu yake, nenkomo zake, nazo zonke izilo zake, nayo yonke impahla yake abeyiqwebile elizweni le‐Kanane, waya kw elinye ilizwe ngenxa ka‐Yakobi umninawe wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabantu bonke bendlu yakhe, nemfuyo yakhe, nemfuyo yakhe yonke, nengqwebo yakhe yonke awayifumanayo ezweni lakwaKanan; yaye wangena ehlabathini phambi kobuso bukaYakobi umntakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEsawu wathatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, iintombi zakhe, nabo bonke abantu bakhe, kunye nemfuyo yakhe, nayo yonke impahla awayifumana kwilizwe laseKanana, wemka wamshiya umntakwabo uYakobi.