Genesis 37:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Sirayeli wati ku‐Josefe: Abakuluwe bako abalusi e‐Shekeme na? Yiza, ndikutume kubo. Wayesiti: Nanku, ndi lapa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho abalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSirayeli kuYosefu, Benditshilo na ukuthi, Abakhuluwa bakho bayigcinile yakwaShekem? yiza, ndikuthume kubo. Wathi ke yena kuye, Ndilapha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi uSirayeli kuJosefu: “Ndifuna ukukuthuma kubantakwenu eShekem apho bayalusela khona impahla.” Uthe uJosefu: “Kulungile, tata.”