Genesis 37:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezi ke zizizizukulwana zika‐Yakobi. U‐Josefe, eyiminyaka ilishumi linesixe̔nxe ubudala bake, ebesalusa igusha kunye nabakuluwe bake; waye umfana lo wanabo onyana baka‐Bileha nonyana baka‐Zilipa, abafazi boyise: waza wazisa u‐Josefe amaṙeto amabi ngabo kuye uyise wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyo le ke inzala kaYakobi. uYosefu, ominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; Unyana wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise; uYosefu wambikela uyise udaba olubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanga amagqabantshintshi ngoYakobi. Akuba yinkwenkwe eneshumi linesixhenxe leminyaka ubudala, uJosefu wayedla ngokuhamba nabakhuluwa bakhe abangoonyana bakaBhiliya noZilipha, amaqadi kayise, baye kwalusa impahla. Wayedla ngokubaxela kuyise ngezinto ezingekho mgaqweni ababezenza.