Genesis 37:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela u‐Rubene ukuti kubo: Ningapalazi igazi; mposeni kulomnxuma osentlango, ningabeki isandla pezu kwake. Watsho ngokunga angamhlangula ezandleni zabo, ukuze ambuyisele kuyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uRubhen kubo, Ize ningaphalazi gazi; ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
masingambulali siphalaze igazi lomntakwethu. Makaphoswe nje kweli qula lilapha entlango, kodwa ningamenzakalisi.” Ethetha loo nto nje wayeceba ukumhlangula kubo, aze amgoduse amse kuyise.