Genesis 37:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya bahlala pantsi ukutya isonka; baza bapakamisa amehlo abo, bakangela; kekaloku nali iqela lama‐Shimayeli livela e‐Gileyadi, nenkamela zawo zitwele inekote, netsori, nelote, ehamba ukuya kuzihlisela e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlala phantsi ukuze badle isonka, yaye baphakamisa amehlo abo, bakhangela, yaye, khangela! lifika iqela lamaIshmayeli livela eGiliyadi neenkamela zalo zithwele intlaka emhlophe, ibhalsam nemore, lisendleleni yokuzisa eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola.