Genesis 37:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Sirayeli watanda u‐Josefe ngapezu kwabo bonke onyana bake, ngokuba ebengunyana wobuxego bake; wayemenzele ingubo yamabala ngamabala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana ngeminyaka yakhe; wamenzela ingubo eqaqambileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje.