Genesis 37:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula besuka bonke onyana bake, nazo zonke intombi zake, ukuza kumku̔za; koko walayo ukuku̔zeka; wayesiti: Ngokuba ndiya kuhla ndilila nje ukuya kunyana wam encw̔abeni. Wamlilela njalo ke uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Besuka besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma ukuthuthuzeleka; Wathi: Ndiya kuhla ndiye kwelabafileyo, ndilile unyana wam. Ngoko uyise wamlilela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Beza kumthuthuzela bonke oonyana neentombi zakhe, kodwa wala, akavuma ukuthuthuzeleka. Uthe kubo: “Ndiya kude ndife ndisamzilele umntwana wam.” Wazila rhoqo ke, ezilela unyana wakhe uJosefu.