Genesis 37:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati kuye abakuluwe bake: Uya kupata amandla pezu kwetu ngenene na? woba nobukosi pezu kwetu ngenene na? Baza bongezelela ukumzonda ngakumbi, ngenxa yamapupa ake, nangenxa yamazwi ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamtiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abazalwana bakhe kuye, Yinene na ukuba uya kusilawula? Okanye uya kusilawula ngenene? Kwaba kukhona bamthiyayo ngenxa yamaphupha akhe nangenxa yamazwi akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe abakhuluwa bakhe: “Ngaba uba uza kuba yikumkani, size thina silawulwe nguwe?” Loo nto yelo phupha yamenza wanetyheneba kubo, nangenxa yeentetho zakhe.