Genesis 37:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wapupa nelinye ipupa, wabalisa kwa lona kubakuluwe bake; wati: Bona ke, ndipupile ipupa kanjako; kekaloku bona ke, ilanga, nenyanga, nenkwenkwezi zilishumi elinanye, zatoba pantsi pambi kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphe ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphupha elinye iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndiphuphe elinye iphupha; nalo ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilishumi elinanye ziguqe phambi kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphinde wanelinye iphupha uJosefu, wabuya wabalawulela abantakwabo, esithi: “Kweli iphupha ndibone ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi ezilishumi elinanye, zikhahlela kum.”