Genesis 38:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Juda ku‐Tamare umolokazana wake: Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akule u‐Shela unyana wam: ngokuba ebesiti: Hleze uya kububa naye, njengabakuluwe bake. Wandula wemka u‐Tamare, waya wahlala endlwini kayise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam;kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYuda kuTamare umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uSela, unyana wam; ngokuba ethe, ukuze naye angafi njengabakhuluwa bakhe. uTamare waya kuhlala endlwini kayise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uJuda kumolokazana wakhe uTamare makakhe agoduke, aye kuhlala kowabo engumhlolokazi, de kukhule uShela unyana omncinci. Watsho kuba esoyika hleze afe noShela kwanjengabakhuluwa bakhe. Wagoduka ke uTamare.