Genesis 38:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuse kuntsuku ninzi yafa intombi ka‐Shuha, umfazi ka‐Juda; wada watutuzeleka u‐Juda, wenyuka ukuya kubacebi begusha zake, kwa yena no‐Hira umhlobo wake um‐Hadulame, e‐Timna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekugqibeleni yafa intombi kaShuwa, umkaYuda; yaye uYuda wathuthuzeleka waza wenyuka waya kubachebi bezimvu zakhe eTimna, yena nomhlobo wakhe uHira waseAdulam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwethuba umka-Juda intombi kaShuwa wabhubha. Akuba ephumile ehlathini uJuda, wahamba nogxa wakhe uHira waseAdulam, baya eTimna, apho kwakuchetywa khona iigusha zakhe.