Genesis 38:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wasusa ingubo zobuhlolokazi bake kwa kuye, wazigubungela ngesigqubutelo, wazinameka, waya wahlala pantsi ngasesangweni le‐Henayime, ebingasendleleni yokuya e‐Timna; ngokuba ebebona ukuba usel’ ekulile u‐Shela, kanti akanikwanga kuye abe ngumfazi noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, akasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazikhulula ke iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala ebaleni endleleni eya kwaTimna; ngokuba ebebona ukuba uSela ukhulile, akanikelwa kuye ukuba abe ngumkakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UTamare wazikhulula iimpahla zokuzila awayezinxibile, wafihla nobuso bakhe ngesigqubuthelo, waza wahlala phantsi ngasesangweni lase-Enayim, eyayiyidolophu esendleleni eya eTimna. Wayesazi ukuba uShela unyana omncinci kaJuda wayeselekhulile, kodwa yena Tamare wayengekanikezelwa kuye.