Genesis 38:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wajikela kuye ngasendleleni, wati: Kauze ke, ndingene kuwe; (ngokuba ebengazi ukuba ungumolokazana wake yena.) Wayesiti: Uya kundinika nto nina, ukuze ungene kum?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi gu bucala, waya kuye endleleni, wathi, Hamba, ndiya kuhamba nawe; (ngokuba ebengazi ukuba ngumolokazana wakhe.) Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ungene nam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawela indlela, waya kuye, wafika wathi: “Khawutsho, ufuna ndikunike ntoni?” Esitsho nje wayengaqondi ukuba ubhekisa kumolokazana wakhe. UTamare ke waphendula wathi: “Yintoni ongandinika yona wena?”