Genesis 38:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Sesinina isibambiselo endiya kusinika kuwe? Wati: Ngumsesane wako, nentsontelo yako, nomsimelelo wako osesandleni sako. Wamnika ke, wangena kuye, waye yena wakaula ngaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho.Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi, Umsesane wakho wokutywina, nezacholo zakho, nomsimelelo wakho, zisesandleni sakho. Wamnika ke, wangena kuye, wakhawula ngaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndikunike sibambiso sini?” ubuze watsho uJuda. Uthe uTamare: “Ndinike eso siphawulo sakho kunye nomtya waso, naloo msimelelo wakho.” Wamnika ke uJuda. Balala, wathatha uTamare.