Genesis 38:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Juda watuma itakane lebokwe ngesandla somhlobo wake um‐Hadulame, ukuze asamkele isibambiselo eso esandleni somfazi: kodwa akamfumana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYuda wathumela itakane lebhokhwe ngesandla somhlobo wakhe waseAdulam, ukuze athabathe isibambiso sakhe esandleni saloo mfazi, kodwa akamfumananga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda wathumela uHira ugxa wakhe ukuba ase elo takane, aze athathe ezo zinto wayebambise ngazo kuloo mfazi. Kodwa akazange amfumane loo mfazi uHira.