Genesis 38:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akuveliswa, wandula watuma kusondoda wake ukuti: Indoda ezizezayo ezi zinto, ndimitisiwe kwa yiyo; wati kanjalo: Uze unakane ungokabanina lomsesane, nalentsontelo, nalomsimelelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba ezelwe, wathumela kuninazala, wathi, Ndimithi indoda abazelwe yiyo; abasebenzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe xa bamqhubayo, wathumela abantu kuyisezala ukuba bamxelele bathi: “UTamare uthi: ‘Ndimithiswe ngulo mntu ezizezakhe ezi zinto: isiphawulo nomtya waso, nomsimelelo. Khawuzijongisise, ukhangele ukuba ngaba zezikabani na.’ ”