Genesis 38:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Juda wazinakana, wati: Undigqitisile ngokulunga; ngenxa yokuba ndingamnikanga ku‐Shela unyana wam. Waye engasongezi ukumazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYuda wabazi, wathi, Ulilungisa kunam; ngokuba ndingamnikanga uSela unyana wam. Kwaye akasamazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda wazazi kwangoko, wathi: “Akanatyala. Ndim ongahambanga ngesiko. Bendimelwe kukumnikezela kunyana wam uShela.” Waba uqale wagqibelisa uJuda ukulala noTamare.