Genesis 38:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute kekaloku, nxa libuyisile isandla salo, bona ke, wapuma umninawe walo. Waza wati: Ute nina ukugqoboza? makube pezu kwako ukugqoboza oku! Ngako kwabizwa igama lake ngo‐Faretse.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akuxhawula isandla sakhe, waphuma umzalwana wakhe, wathi, Uphume njani na? ke ngoko, wathiywa igama elinguParese.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa sabuya satshona isandla, kwaza kwavela elinye iwele kuqala. Wathi ke loo mfazi: “Wenjenje kanti ukuzivulela indlela!” Kwathiwa ke igama lalo nguPerezi.