Genesis 38:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wongezelela ukumita nakanjako, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Shela: wayeko uyise e‐Kezibe akumzala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wamitha, wazala unyana; Wamthiya igama elinguSela, waye eseKesibe ukumzala kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uzele enye inkwenkwe kwakhona, yona kwathiwa nguShela. Wayehlala eKezibhi uJuda ukuzalwa kwale nkwenkwe.