Genesis 38:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayekwazi u‐Onane ukuba lenzalo ibingayi kuba yeyake; kwaza kwati, akuba engenile emfazini womkuluwe wake, wacitela ngasemhlabeni, ukuze anganiki inzalo kumkuluwe wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi akungena kumfazi womninawa wakhe, wazikhahlela emhlabeni, ukuba angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UOnan, esazi ukuba wayengazi kuzizalela abo bantwana, wathi rhoqo ukumane eyichithela phantsi imbewu yakhe ngalo lonke ixesha adibana noTamare, khon' ukuze angathathi, angamzaleli bantwana umkhuluwa wakhe.