Genesis 39:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwada kwati ngomhla otile, wangena u‐Josefe endlwini ukuze awenze umsebenzi wake; kwaye kungeko kona endlwini nanye emadodeni endlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uYosefu wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye indoda yaloo ndlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngenye imini, uJosefu engene endlwini kaPotifare, eye kusebenza, wafika kungekho nasinye isicaka.