Genesis 39:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wabiza amadoda endlu yake, watsho kuwo esiti: Bonani ke, inkosi ingenisile kuti indoda engum‐Hebere, ukuba idlale ngati; yangena kum ukuza kulala nam, ndaza ndakala ngelizwi elikulu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi;izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, wathi, Yabonani, usizisele umHebhere ukuba adlale ngathi; weza kum ezolala nam, ndakhwaza ngelizwi eliphakamileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wabiza izicaka zakhe, wazibonisa loo ngubo. Watsho esithi: “Laa mHebhere ungeniswe ngumyeni wam emzini wam uyasihlazisa, kuba ungene egumbini lam efuna ukundidlwengula. Kodwa mna ndizincede ngokutsho esikrakra esi isikhalo.