Genesis 39:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa ibivile inkosi yaso amazwi omfazi wayo, lawo wawateta kuyo, esiti: Kunjengalamazwi senzile kum isicaka sako; wandu ukuvuta umsindo wayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi yakuweva inkosi yakhe amazwi omfazi wayo, yamxelela, yathi: “Ikhobokazana lakho lindenze le nto; ukuze uvuthe umsindo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe,