Genesis 39:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umpati wentolongo wanikela esandleni sika‐Josefe bonke ababanjwa ababesentolongweni: nako konke babekwenza kona, kwakusenzwa nguye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umgcini wababanjwa wabanikela esandleni sikaYosefu onke amabanjwa abesentolongweni; kwaye nantoni na ababeyenza apho, wayeyenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena.